Imela Igobel’ Esandleni!: Umqulu wedrama endima nye, amabalana nemibongo
108 pages
Xhosa

Découvre YouScribe en t'inscrivant gratuitement

Je m'inscris

Imela Igobel’ Esandleni!: Umqulu wedrama endima nye, amabalana nemibongo , livre ebook

-

Découvre YouScribe en t'inscrivant gratuitement

Je m'inscris
Obtenez un accès à la bibliothèque pour le consulter en ligne
En savoir plus
108 pages
Xhosa
Obtenez un accès à la bibliothèque pour le consulter en ligne
En savoir plus

Description

Lo mdlalo ubuhlungu kangaka wenzeka kwenye yemizi yakwaNyawuza eXhorha kwilali yaseThungwana.”Imela igobel’esandleni” La ngamazwi aphume kwinkosikazi uNolwando ezibona ilahlekelwa ngumntwana nempilo yayo ngenxa yomona.UZungula waswelekwa ngumfazi wakhe enomntwana ominyaka mihlanu kuphela ogama linguYanga, waza wazeka umfazi wesibini uNolwando. UNolwando wafumana abantwana abathathu uLisa, uSiseko kunye nenkwenkwe enguLoyiso.Uthe esabukele oonyana bakhe uZungula waqutyulwa yingulo emfutshane, yamthumela kwelemimoya. Intlalo ayizange ibentle kwaphela kuYanga akuba ebhubhile uyise kangangokuba wayecaca gcaa nase sidengeni ukuba uyahlukumezeka.Kuloo ntlalo ikrakrayo wanyamezela uYanga ethobekile esenza yonke imisebenzi yasekhaya nkqu neyamantombazana. Esikolweni wayephumelela emagqabini unyana kaZungula ethandwa ziititshala zonke nto leyo eyayimana kuyiquma intsokolo yakhe. Kanye xa ezakuqala ukuxelenga unina omncinci wanyukwa ngumona wagqiba ekubeni athenge ityhefu eza kumgqithisa amafu uYanga, kodwa ke ngelishwa akabikho ekhaya loo mini uLoyiso olithunjana likaNolwando watya oko kutya kunetyhefu engazi wasweleka umntwana emsulwa enjalo. Yamhlukumeza le meko uNolwando naye akaphila xesha lide waluphala.

Sujets

Informations

Publié par
Date de parution 15 octobre 2023
Nombre de lectures 0
EAN13 9781776460656
Langue Xhosa
Poids de l'ouvrage 2 Mo

Informations légales : prix de location à la page 0,0200€. Cette information est donnée uniquement à titre indicatif conformément à la législation en vigueur.

Extrait

Imela Igobel’ Esandleni!
Umqulu wedrama endima nye, amabalana nemibongo
Phiwokuhle Phiwe Dekisile
Imela Igobel’ Esandleni!
Published by UJ Press under the Hoopoe Press imprint University of Johannesburg Library Auckland Park Kingsway Campus PO Box 524 Auckland Park 2006 https://ujpress.uj.ac.za/
Compilation © Phiwokuhle Phiwe Dekisile 2023
Chapters © Phiwokuhle Phiwe Dekisile 2023
Published Edition © Phiwokuhle Phiwe Dekisile 2023
First published 2023
https://doi.org/10.36615/9781776460656
978-1-7764606-4-9 (Paperback)
978-1-7764606-5-6 (PDF)
978-1-7764606-6-3 (EPUB)
978-1-7764606-7-0 (XML)
Cover design: Hester Roets, UJ Graphic Design Studio
Typeset in 10/13pt Merriweather Light
Contents
Amagqabantshintshi Ngombhali .....................................
Isinikezelo ..........................................................................
Icandelo A: Umdlalo Ondima Nye ..................................... Amagqabantshintshi Ngomdlalo ..............................................
i
iii
v v
Abalinganiswa .................................................................... vii
Indima 1 .............................................................................. Umboniso 1 ........................................................................................
Umboniso 2 .......................................................................................
Umboniso 3 .......................................................................................
Umboniso 4 .......................................................................................
Umboniso 5 .......................................................................................
Umboniso 6 .......................................................................................
Umboniso 7 .......................................................................................
Umboniso 8 .......................................................................................
Umboniso 9 .......................................................................................
Umboniso 10 .....................................................................................
Umboniso 11 ......................................................................................
Umboniso 12 .....................................................................................
Umboniso 13 .....................................................................................
Umboniso 14 .....................................................................................
Icandelo B: Amabalana Amafutshane .............................. 1. Ndiyaxolisa Mama ......................................................................
2. Buchitheke Bubondiwe .............................................................
3. Intlupheko Akusosiphelo Sobom ..........................................
4. Umasifunisane ............................................................................
1 1 5 9 13 19 23 25 29 33 41 47 51 57 63
71 71 75 79 83
Icandelo C: Imibongo ........................................................ 1. Inqilo Intaka Yamathamsanqa ...............................................
2. Ngqashi! Ham! Hesiya! Ngqashi! Ham! Hesiya! ..............
3. Yhini Na Mampondo Konakele Phi? .....................................
4. Yhini Na Mvula Sikwenze Ntoni? ..........................................
85 85 87 89 89
Amagqabantshintshi Ngombhali
UPhiwokuhle Phiwe Dekisile wazalwa nge14 kaJulayi ngomnyaka ka1996, kwilali yaseMahlungulu eMqanduli. Wazalwa ngutata wakhe ongasekhoyo uMpongolwana kunye nomama wakhe uNobongile Dekisile. IMahlungulu yilali ekumda weXhorha neMqanduli, kodwa iphantsi koMqanduli ngenxa yokuba iphethwe ngumasipala iKing Sabatha Dalindyebo. UPhiwokuhle uphile impilo yasezilalini phantse ubom bakhe bonke. Lityendyana elikhule liselusa iinkomo edlelweni, lithiyela iintaka emadizeni, lithelekiswe liphatshe ekoluseni. Ngumntwana wokugqibela emakhwenkweni kowabo.
Amabanga akhe aphantsi uwafunde elalini yakhe kwisikolo iNgubechantiJunior Secondary School. Ufunde eNgubechanti waphumelela ibanga lesixhenxe ngo2012, waza wadlulela kwisinala iDudumayoHigh Schoolngxikiva ethe kwilali yaseNgcwanguba kwaseMqanduli, waphumelela ibanga leshumi. Emva kokuphumelela ibanga leshumi uzibandakanye neBolandCollegeCaledonCampusi waphumelela National Diploma in Management Assistant. Udlule apho wazibandakanya neDyunivesithi yoMzantsi Afrika (UNISA), wenza izifundo zomthetho.
Isakhono sokubhala siqale ukubonakala xa esenza ibanga lesithandathu, ngexesha kwakukho inkqubo ebizwa ngokuba yiNelson MandelaInstitutioneyayibanjwa kathathu ngomnyaka eQunu. INelson MandelaInstitutionibinika abafundi ixesha lokubhala gabalala ngezinto abazithandayo, nditsho wena mibongo, amabali amafutshane kunye neentsomi. Imibongo emibini kaPhiwe eyayibhalwe ngesingesi isithiTHE SEA & MY TALENT, yashicilelwa
i
Imela Igobel’ Esandleni!
kumqulu obizwa ngePhemba Mfundi. Uthe xa efika eUNISA wazibalula ngokubhala inqaku phantsi kwesihloko esithi, Grief, Loss, and Inequality due COVID-19 pandemic.”Uqale ukubonakala elizweni ngo2023 ngencwadi yakhe ethi, “Umsinga Wothando” eyapapashwa yiDyunivesithi yaseGoli (UJ Press). UPhiwokuhle ubengumntwana ongaxabisanga selula ixesha elininzi ebelichitha kwiincwadi zesiXhosa nesingabalula kuzo uBuzani kuBawo, Unyana Womntu, Ndixoleleni, Inene Nasi Isibhozo, Umkhonto kaTshiwo, uThembisa noMakhaya, Umqol’ uphandle, UFeziwe Okanye Inkohlakalo nezinye ezininzi.
ii
  • Univers Univers
  • Ebooks Ebooks
  • Livres audio Livres audio
  • Presse Presse
  • Podcasts Podcasts
  • BD BD
  • Documents Documents